Skip to product information
1 of 1

Umalusi

Umalusi

Regular price R 160.00 ZAR
Regular price Sale price R 160.00 ZAR
Sale Sold out
Taxes included.
Quantity

UMalusi ngumfana ojonga izimvu neebhokhwe zikatatomkhulu wakhe ezintabeni zaseTranskei. Phezulu apho kubhabha iinkozi, ngeli xesha phantsi emhlabeni kurhubuluza iimbungane, kuxhalabe iimbovane, kuphakame uthuli njengoko uMalusi edlala imidlalo yokulwa ngeentonga nomhlobo wakhe. Kodwa ikho nengozi rhoqo — ngaba uMalusi uya kukwazi ukusindisa amatakane akhe kwimfene elambileyo elalele umhlambi? Ngubani na loo xhego likwimoto ebengezelayo elimayo, elithethayo size likhuthaze umalusi kwiphupha lakhe lokuba nguMongameli?

Le ncwadi intle yemifanekiso ithetha ngenkwenkwe enephupha lekamva elikhulu. Libali ngokuzinika amandla, ukuzithemba nobunkokeli, yaye liphenjelelwe bubomi bowayesakuba nguMongameli, uNelson Mandela.

View full details